Uhezekile 18:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Úyintoni na kuni lo mzekeliso, nizekelisa ngawo emhlabeni wakwaSirayeli, nisithi, ooyise badle iidiliya ezimuncu, kwaba buthelezi amazinyo oonyana?

3. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova ukuthi, anisayi kuba sazekelisa ngalo mzekeliso kwaSirayeli.

4. Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.

5. Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa;

6. akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe àkamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzí;

7. akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela ozé ngengubo;

8. akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani; wahamba ngemimiselo yam,

Uhezekile 18