Uhezekile 17:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.

9. Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wómila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?

10. Yabona, khona utyelwe, wómila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Úya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.

11. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12. Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabása kuye eBhabheli.

13. Wathabatha owasembeweni yokumkani, wanqophisana naye, wamfungisa; wathabatha iinjengele zelizwe elo;

14. ukuze bube bubukumkani obuphantsi, ukuze bungàziphakamisi, ukuze awugcine umnqophiso wakhe, ukuze ume wona.

15. Wasuka ke wagwillika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Wóba nempumelelo na? Wósinda na owenze loo nto? Wówaphula umnqophiso, asinde na ke?

16. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, endaweni yokumkani owamenza ukumkani, osifungo asidelileyo, omnqophiso awaphuleyo, úya kufela kuyo, esazulwini seBhabheli.

17. UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakùfunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi.

18. Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, uniké isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.

19. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe.

20. Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo.

21. Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nàzi ukuba mna Yehova ndithethile.

Uhezekile 17