Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabása kuye eBhabheli.