53. Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;
54. ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.
55. Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.
56. ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;