Uhezekile 16:40-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo;

41. bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.

42. Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba.

43. Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.

44. Yabona, bonke abazekelisi baya kuzekelisa ngawe, besithi, Ifuzé unina intombi yakhe.

45. Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori.

46. Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.

47. Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenzè ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalisé ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke.

48. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenzé ngako wena namagxamesi akho.

49. Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlútha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; àyabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.

50. Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.

51. NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo.

52. Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenzé baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.

53. Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;

54. ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.

55. Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.

56. ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;

Uhezekile 16