Uhezekile 16:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, yazíse iYerusalem amasikizi ayo, uthi,

3. Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.

4. Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.

Uhezekile 16