1. Kwafika kum amadoda akumadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phantsi phambi kwam.
2. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
3. Nyana womntu, la madoda anyusé izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingàquqelwa ndiquqelwe ngawo na?
4. Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe;
5. ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
6. Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke.
7. Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.
8. Ndoyichasa loo ndoda, ndiyiphanzise ibe ngumqondiso nomzekeliso, ndimnqumle ebantwini bam; názi ukuba ndinguYehova.
9. Umprofeti, xa athe wathwebeshwa, wathetha ilizwi, mna Yehova ndimrhwebeshile loo mprofeti: ndosolula isandla sam phezu kwakhe, ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli.
10. Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo;
11. ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
12. Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
13. Nyana womntu, xa ilizwe lithe lóna kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;
14. ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.
15. Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;
16. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.