6. Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama; búgqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenzé isimanga kwindlu kaSirayeli.
7. Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako; ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa emehlweni abo.
8. Kwafika ilizwi likaYehova kum kusasa, lisithi,
9. Nyana womntu, indlu kaSirayeli, indlu eneenkani, ayitshongo na kuwe ukuthi, Wènza ntoni na?
10. Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Esi sihlabo sisingisele kwisikhulu esiseYerusalem, nakwindlu yonke kaSirayeli, abaphakathi kwayo abathinjiweyo.
11. Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenzé ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe.
12. Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; síya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo.
13. Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisìse eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona.
14. Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo;
15. bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni.
16. Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asìnde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bázi ukuba ndinguYehova.