Uhezekile 12:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenzé ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe.

12. Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; síya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo.

13. Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisìse eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona.

14. Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo;

15. bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni.

16. Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asìnde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bázi ukuba ndinguYehova.

17. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

Uhezekile 12