Uhezekile 11:9-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ndínikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.

10. Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndinguYehova.

11. Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,

12. názi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am ànawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.

13. Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Ùyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?

14. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

15. Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bàthi ngayo abemi baseYerusalem, Bakúde kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.

16. Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.

17. Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlangànise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.

18. Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke.

19. Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama;

20. ukuze bahambe ngemimiselo yam, bagcine amasiko am bawenze, babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.

21. Ke bona abantliziyo ihamba ngokwentliziyo yezinto zabo ezinezothe, nezingamasikizi abo, ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo; utsho uYehova.

22. Iikerubhi* zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.

23. Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi.

24. UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona.

25. Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.

Uhezekile 11