Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndíyibona.