8. Yabe iyimilambo na, Yehova,Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho?Yabe ilulwandle, kusini na,Owaphuphumela lona umsindo wakho,Ukuze nje ukhwele emahasheni akho,Ezinqwelweni zakho zokusindisa?
9. Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho;Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.)Ihlabathi uligqobhoza imilambo.
10. Zikubonile, ziyankwantya iintaba,Kudlule isiphango samanzi;Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo,Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
11. Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo,Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo,Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.
12. Ùlinyathela ilizwe ubhavuma,Unyhashe iintlanga unomsindo.