Uezra 6:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini yeencwadi, apho indyebo ibibekwe khona eBhabheli.

2. Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:

3. Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite* ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu.

4. Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani.

5. Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.

6. Ngoko, Tatenayi, bamba laphesheya koMlambo,* nawe Shetar-bhozenayi, nabalingane benu bama-Afarseka phesheya koMlambo, yibani kude naloo nto; wuyekeni umsebenzi wale ndlu kaThixo.

7. Ibamba lamaYuda namadoda amakhulu akwaYuda mabayakhe le ndlu kaThixo endaweni yayo.

Uezra 6