1. Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, oonyana bakaSirayeli besemizini yabo, bahlangana abantu njengamntu mnye, beza eYerusalem.
2. Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo.
3. Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.
4. Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.
5. Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.