64. Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
65. ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
66. Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu;
67. iinkamela zabo ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
68. Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo.