Uezra 2:38-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.

41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.

43. Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,

44. oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,

45. oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,

46. oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,

47. oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,

48. oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,

49. oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,

Uezra 2