36. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.
37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.
38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.
39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.
40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.
41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.
43. Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,
44. oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,
45. oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,
46. oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,
47. oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,
48. oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,
49. oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,
50. oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,
51. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,
52. oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida,
53. oonyana bakaHarsha, oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
54. oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.