Uezra 2:32-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

33. Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.

34. Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu.

35. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.

36. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.

41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.

Uezra 2