4. Wathi uEstere, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makeze ukumkani noHaman namhla esidlweni endimenzele sona.
5. Wathi ukumkani, Mngxamiseni uHaman, ukuba enze ngokwelizwi likaEstere. Weza ukumkani noHaman esidlweni abesenzile uEstere.
6. Wathi ukumkani kuEstere esidlweni sewayini, Ùcela ntoni na? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.
7. Waphendula uEstere, wathi, Kúko oku ukucela kwam nokuthandaza kwam:
8. ukuba ndithe ndababalwa ngukumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani ukundinika endikucelayo, nokundenzela ukuthandaza kwam, makeze ukumkani noHaman esidlweni, endiya kubenzela sona, ndenze ngomso ngokwelizwi lokumkani.
9. Waphuma uHaman ngaloo mini evuya, enentliziyo echwayithileyo.Ke uthe uHaman, akumbona uMordekayi esangweni lokumkani, engavuki, engashukumi phambi kwakhe, uHaman wazala ngumsindo ngoMordekayi.
10. Ke uHaman wazibamba, waya endlwini yakhe; wathumela wabiza izithandane zakhe, noZereshe umkakhe.