Udaniyeli 8:15-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda; nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda.

16. Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli,* mqondise imbonakalo.

17. Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndóyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.

Udaniyeli 8