8. Kwada ekupheleni kweza kum uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare ngokwegama lothixo wam, onomoya woothixo abangcwele. Ndamlawulela iphupha, ndathi,
9. Bheletshatsare, mongameli wezazi, wena ndikwayizo ukuba unomoya woothixo abangcwele, akukho mfihlakalo ikukhohlayo; ndÃtyele imibono yephupha lam endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo.
10. Imibono ke yentloko yam esililini sam nantsi: Ndabona, nango umthi usesazulwini sehlabathi; ukuphakama kwawo bekukukhulu.
11. Wakhula umthi, womelela; ukuphakama kwawo kwafikelela ezulwini, nokubonakala kwawo ekupheleni kwehlabathi lonke.
12. Amagqabi awo abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi; ubunokudla okwanele iinto zonke. Amarhamncwa asendle abenomthunzi phantsi kwawo, iintaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.
13. Ndabona emibonweni yentloko yam, ndisesililini sam, nanko kusihla umlindi engongcwele emazulwini.