Udaniyeli 3:28-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.

29. Ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ezisukuba zithetha into eyimposiso ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, ziya kwenziwa iziqwenga; izindlu zabo zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle; ngenxa enokuba kungekho thixo wumbi, unako ukuhlangula ngolo luhlobo.

30. Waza ukumkani wabenza banempumelelo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, ezweni laseBhabheli.

Udaniyeli 3