Uamosi 6:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo.

9. Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe.

10. Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wóthi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.

11. Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.

Uamosi 6