6. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
7. kananjalo àbathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
8. oko kukuthi, àsingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
9. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
10. Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon' ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,
11. nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
12. kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
13. njengokuba kubhaliwe kwathiwa,UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.(UMal. 1:2,3)