Kwabaseroma 9:22-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;

23. ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;

24. ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?

25. Njengokuba esithi nakwekaHoseya,Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam;Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.(UHos. 2:23)

26. Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo,Aningabantu bam nina,Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.(UHos. 1:10)

27. Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa (uIsaya 10:22);

28. kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.

29. Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi,Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu,Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.(UIsaya 1:9)

30. Síthini na ke ngoko? Sìthi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni;

31. kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.

Kwabaseroma 9