Kwabaseroma 3:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Úgqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?

2. Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, báphathiswa izihlabo zikaThixo.

3. Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?

Kwabaseroma 3