Kwabaseroma 2:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Okanye ùyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?

5. Ke ùthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;

6. oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:

7. abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, ábavuze ngobomi obungunaphakade;

8. ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswelabulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo,

9. imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;

10. kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike.

11. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.

12. Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;

13. kuba àsingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, ábangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.

14. Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:

15. bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.

Kwabaseroma 2