Kwabaseroma 2:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, àkuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?

27. Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?

28. Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;

29. umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ùkudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.

Kwabaseroma 2