Kwabaseroma 14:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.

18. Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; ucikidekile nakubo abantu.

19. Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.

20. Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise.

21. Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina.

22. Wena unokholo na? Hlala nalo emehlweni kaThixo. Ăšnoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidileyo.

23. Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.

Kwabaseroma 14