1. Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.
2. Omnye okunene uyakholwa ukuba angàzidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.
3. Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.