Kwabaseroma 14:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.

2. Omnye okunene uyakholwa ukuba angàzidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.

3. Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.

Kwabaseroma 14