Kwabaseroma 11:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kanjalo uDavide uthi,Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:

10. Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangĂ boni;Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.(INdum. 69:22,23)

11. Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.

12. Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?

13. Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile* weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;

14. ukuba ndingáde ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.

Kwabaseroma 11