Kwabasekolose 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama;

2. ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise,

3. nekaKristu, ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.

4. Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo.

Kwabasekolose 2