Kwabasekolose 1:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. sívile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,

5. ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo;

6. zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenyaniso;

7. njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintánda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu;

8. owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni.

9. Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;

10. ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo;

11. nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo;

12. nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni;

13. owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe,

14. esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.

15. Úngumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke.

Kwabasekolose 1