Kwabasekolose 1:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Úngumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke.

16. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena.

17. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.

18. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke.

19. Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye,

20. nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.

21. Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe,

Kwabasekolose 1