8. Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,
9. ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo;
10. ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe;
11. ukuba ndingáde ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.
12. Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakugánga na nokukugánga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu.
13. Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigángile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndízilibala izinto ezisemva, ndísolulela kweziphambili,
14. ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.