Kwabasefilipi 2:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.

14. Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza,

15. ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini,

16. nibambelele elizwini lobomi; nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjako andifumananga ndabulaleka.

17. Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke.

18. Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam.

Kwabasefilipi 2