Kwabase-Efese 5:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.

9. Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;

10. nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.

11. Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.

12. Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.

13. Ke zonke ezi zinto, zakòhlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.

14. Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.

Kwabase-Efese 5