Kwabase-Efese 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga —

2. ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;

3. okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;

4. enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;

5. ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile* bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;

6. eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, síkuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,

Kwabase-Efese 3