3. esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.
4. Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
5. awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswé ngokubabalwa),
6. wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;