21. ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo.
22. Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla,
23. lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke.