Kumahebhere 9:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi.

2. Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele.

3. Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele;

4. unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya* yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso.

5. Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi* zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.

6. Ke kaloku, zakubon' ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bángena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo.

Kumahebhere 9