Kumahebhere 8:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, àwamiswa ngumntu.

3. Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.

4. Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:

5. bona bàthi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzènze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.

6. Kodwa kungoku, úzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.

Kumahebhere 8