Kumahebhere 7:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba lo Melkitsedeke,* kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;

2. awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;

3. engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.

4. Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wàthi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.

5. Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.

6. Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.

Kumahebhere 7