1. Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.
2. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo;
3. sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluváyo;
4. uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
5. Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.