Kumahebhere 11:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.

16. Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.

17. Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;

18. ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;

19. ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko wamzuza ngokomzekeliso.

20. Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.

21. Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.

22. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.

23. Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.

24. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro;

Kumahebhere 11