Kumagalati 2:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndaza emva kweminyaka elishumi elinaminé, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.

2. Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.

3. NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba alùke:

4. ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswáyo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.

5. Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

Kumagalati 2