9. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.
10. Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
11. Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;
12. kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.