Izililo 1:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.

4. Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.

5. Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo;Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi;Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.

6. Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo;Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo,Ahamba engenamandla phambi komsukeli.

7. IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo,Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo,Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi;Ababandezeli bayo báyibona, bakúhleka ukucinywa kwayo.

8. IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha;Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba baboné ubuzé bayo;Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.

9. Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo;Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli;Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.

10. Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo;Kuba ibona iintlanga zingené engcweleni yayo,Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.

Izililo 1