Izililo 1:20-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila;Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela;Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.

21. Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli;Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwé nguwe.Ùyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.

22. Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo,Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke;Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.

Izililo 1