Izililo 1:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.

16. Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.

17. IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.

18. Úlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe.Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam;Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.

19. Ndibizé izithandane zam, zandikhohlisa zona;Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi,Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.

20. Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila;Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela;Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.

Izililo 1